Malunga Nathi

Malunga Nathi

UMbutho weeLwimi zesiNtu zaseMazantsi e-Afrika (i-ALASA) yasekwa ngo-1979 njengombutho ongacaluliyo, nongenzi ngeniso kwinkomfa eyayibanjwe liSebe leeLwimi zesiNtu leDyunivesithi yoMzantsi Afrika (i-UNISA).

I-ALASA ineenjongo ezimbini eziphambili:

1. ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kwabaphandi, abafundi kunye nootitshala beelwimi zesiNtu noncwadi, kunye

2. nokuncedisa ekukhuthazeni uphando, uphuhliso lweelwimi kunye nonxibelelwano olusebenzayo lomlomo nolubhaliweyo kuluntu oluthetha iilwimi ezininzi, umzekelo, kwimiba ephathelele nocwangciso lweelwimi kunye nomgaqo-nkqubo, umgaqo-nkqubo kwezemfundo kunye nokuqhagamshelana neminye imibutho enomdla ofanayo.

Imbalelwano ye-ALASA yangomhla wama-29 kuCanzibe 2020: Ukuhlehliswa kweNkomfa yeThutyana yeeLwimi zesiNtu zaseMazantsi e-Afrika (i-ALASA) 2020 ukuba ibanjwe ngonyaka wama-2021

Postponement of the 2020 Interim (ALASA) Conference to 2021

View

Follow the link to NISC’s site for the latest edition

view
ALASA

UKURHOXISWA KWENKOMFA YOMMANDLA WEMPUMA KOLONI YE-ALASA

Ngokubhekiselele kuthintelo lweendibano zabantu abangaphezu kwe-100, njengoko kubhengeziwe nguMongameli weSizwe, kunye nenkcazelo ethe vetshe evela kwiDyunivesithi yokuhlehlisa iinkomfa ezingaphakathi nezingaphandle kweziko, silusizi ukuba kuye kwafuneka siyirhoxisile inkomfa yethu yengingqi.

Sinqwenela ukunibulela ngoxanduva enilithathileyo ukusilungiselela kunye nokusithumelela izicatshulwa zenu.

IJenali yoMzantsi Afrika yeeLwimi zesiNtu ipapashwa ngokubambisana ne-ALASA.

Landela ikhonkco eliya kwi-NISC ukuze ufumane ihlelo lwamva nje.